product-details

Isohlwayo Sikadlalani eBook

0 Reviews
$3.93 $3.14
200 in stock

Unconditional Satisfaction Guarantee
No Shipping Fees Above 30
2 Months to Decide. Returns Simplified.

Kule novelana udlalani owaziwayo onguThembile uhlangana okokuqala nenzwakazi emanz andonga egama linguSweetness. Njengesiqhelo athabatheke bade bathandane. Ekuhambeni kwethuba ziye zivele elubala iimpawu zehlosi, uburhumsha balo buthiwe pahaha, kodwa uthando lukaSweetness kuyabonakala ukuba lwendele kulo mfo. Njengoko liqhubeka ibali imikhwa yemikhuba yalo rhangayi unguThembile iphandwa ide iphuhle, ibonakale okwekat emhlophe ehlungwini. Mhm! Kazi manyundululu namabibi mani na la mlesi enziwa leli hlosi limabalabala linguThembile apha kuSweetness? Asazi nto ke thina singasemoyeni. Khaufunde uzivele mlesi, kakade amade ngawetyala, amafutshane ngawesigidimi sakomkhulu. Inovelana engothando phakathi kukaThembile noSweetness, esisiqholo sobumnandi nobukrakra obuthi buqanduselwe ngulo msont unyikinyiki uluthando. Ubhut Velile usivezele ekwazivelele zonke iinkalo zamahla-ndinyuka othando. Khauzivele ke nawe mlesi hleze kuthi kanti ndimve kakubi mna umbhali, kakade amehlo awaphakelani, xa ebengakhange aphekelane (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

Shipping Info Standard Shipping
Free Shipping We offer free shipping on orders over $30. Please check the free - shipping eligibility at checkout.
Delivery Time: It usually takes 3-5 business days for standard shipping. Please note that this is an estimated time frame and may be affected by local holidays, and unforeseen circumstances.